Lehae la ka nna Fezekile Futhwa

Bhotani

Nto Zakuthi

Latsho ixilongo, yakhala ingoma.
Laduma izulu, isitshingitshane sankqonkqoza.
Labalela ilanga, indlala nesomiso zasixaka.
Zaqikelelwa phantsi iimbongi zethu, isiXhosa sanqonqophala.
Zapheliswa iinkosi, amasiko nezithethe zemka nomoya.
Abangamaxoki Amaxhwele, isizwe safa zizifo.
Yafika imihla yamalungelo, umXhosa waxakwa,
Wangazi indima yakhe elizweni.
Wachosa eyasempuma impilo,
Walibala imvela phi yakhe.
Walibala inkaba yakhe, ikhaya lakhe, isiseko sakhe.
Wafulathela inkcubeko yakhe,
Wade wanyelisa nezinyanya zakhe zimzele.
Namhla umXhosa uhamba eze,
Kuba akazazi ukuthi kanene ungubani yena.
Namakowabo amfulathele,
Amlahlile ngoba nawo ahlazekile.
Yindelelo nohlazo lomntu ontsundu.
Isizukulu sika Phalo.
Umzukulwana ka Hintsa.
Yaze yasenza impucuko,
Nentando yesininzi yase Ntshona.
Yanga umXhosa yena akanayo
Indlela yombuso, yolawulo.
Yanga umXhosa yena akanaye uthixo, umdali.
Namhla uQamata sisithixo,
Uthixo wamaqaba.
Isixhosa esi sona lulwimi lobuqaba,
Labantu abangafundanga.
Abantu baphulukene namagama abo, ngabelungu abamnyama,
Iziduko, amaqhalo nezici bazilibele.
Andisathethi ngamasiko nezithethe,
Bathi isiko limdaka, lincolile!
Bayanqula bayacamagusha kwizinyanya zezinye iintlanga.
Ezabo bazilahlile, bazishiya emva.
Bathi bona bafundile, baphucukile.
NgumXhosa ke lowo.
Kodwa iMpuma Koloni iyalamba,
Andithethi ngeNtshona Koloni.
Buya Mxhosa ndini,
Buyela ekhaya, embo
Izizwe zimangele, zikhwanqisiwe
Zixakwe bubugwenxa boMxhosa
Likulindile ikhaya lakho
Kuyanqulwa esiXhoseni, kuyacamagushwa
Kusithwa icamagu malivume
Kube chosi kube hele.